Ukulungela
ubomi
U
 KUPHILA qete akuthethi ukubaleka kwiComrades Marathon okanye ukuba sisigantsontso ngokuphakamisa iintsimbi kwindawo yokujima .
Kuthetha amandla okuhlangabezana neemfuno zobomi bakho. Ukuze nabani na enze kakuhle kufuneka abe nomgangatho wokuba uphile qete - enoba ungumntu ophangelayo, umam' ekhaya, umfundi okanye ufuna umsebenzi.
Xa uphile qete:
Uza kumelana nokucinezeleka engqondweni
Ungakhawulezi udinwe, usoloko unestamina
Uzolile, akukhawulezi ucinezeleke enqqondweni okanye unxunguphale
inemveliso
lnkangeleko yomzimba intle, ubukeka
likilojoules ukhawuleza uzitshise nobunzima bakho abothusi Uyingcathu
Uyazithanda. akuzigxeki de ungazakhi


Uphile qete njani? khawuzivavanye ngoku..
1. Ufuna ukutyelela umhlobo ohlala qelele ngekhilometha kude. Ukuba akungxamanga ngaba
a. Ubungafowuna - kuba usithi kokona kulula
b. Ubungaya kuye ukhwele imoto ,  ibhasi okanye iteksi . Ubungabetha ngezikaTshiwo xa kungeshushu/kupholile/kusina
d. Ubungakhetha ukusoloko ubetha ngezikaTshiwo?


1. Kufuneka uye kwisakhiwo
simigangatho emi-2. Ngaba:
Ubungasoze usebenzise izinyuko,
izisebenzise xa konakele ilift .
b.	Uyisebenzise qho ilift
c.	Usebenzise izitepsi . Ungasebenzisi ilift unyuke ngeziteps ubaleka?
3.	Kufuneka ubaleke i-100 metres ukuze ukhwele ibhasi . Ngaba kukuchaphazela njani:
a.	Ubungasoze uyibaleke tu
b.	Ukhawuleza udinwe 
c. Ngumgudu kodwa uyazama 
d. Yint' encinci leyo kuwe!

4.	Ngaba udinwa:
a.	Qho.
b.	Ngokuhlwa.
c.	Xa iveki iphela.
d.	Ngamathub' athile?

5.	Ngaba mihla le uyacatshukiswa zizinto ezingunobenani ezinjengokuxinana kwezithuthi okanye imigca emide ebhankini ikubangela ucinezeleke engqondweni okanye ube nomsindo ukhathazeke? 
a. Ewe, kodwa noko xa ndikuthelekisa nokukhathazwa kukusoloko ndifuneke ndihlawule ityala lempahla akundixhalisi kangako.
b.	Ewe, qho.
c.	Maxawambi, xa ndingxamile. 
d. Mna, oko akundikhathazi.

6.	Ngaba uba nexhala ucinezeleke engqondweni:
a.	imini yonke
b.	Kanye okanye kabini ngeveki 
c. Kuphela xa kufuneka uqoshelise okuthile
d.	Akufane ube nalo

7.	Utya njani? 
a. Okutyayo ngokuphambili kokukulungeleyo nokuthengiswa nokuphekwa ezivenkileni okuginywa msinya
b.	Ngokuphambili okunamafutha, ukutya okunetyuwa eninzi kugalelwe iisosi nokunqumbululu, izilebelo eziswiti
c.	Okulula ukukupheka, ukutya ongenakuyikhalela imali yakho xa ukuphekile
d.	Okunezondlo, okukhaphukhaphu okumnandi, okuphekwe ngenkathalo nothando.

8.	Mini usebenze nzima uyaphumla:
a.	Uphumle? Uthi andikhange ndiziphe ikhefu!
b.	Usela kakhulu!
c.	Ubukela iziinyawo zakho uziphumze ufunda incwadi emnandi/ ubhale ngamanzi afudumeleyo 
d. Ujime /uhambahambe/uye elwandle
okanye epakini ?

9.	Ngaba uhamba ngaphezu kweekhilometha ezisi-8, ubaleke ngaphezu kweekhilometha ezi-5, unyawuze ibhayisikili ngaphezu kweekhilometha ezili-13 okanye uqubhe ngaphezu kwama-20 emizuzu:
a.	Uzama kangangoko ukuba umzimba ungakhe uwunyakazise 
b. Phaya kwinyanga edlulileyo. 
c. Kanye okanye kabini kwiveki ephelileyo.
d.	Kathathu okanye ngaphezulu kwiveki ephelileyo.

10. Kumhlaba osithabazi (ongenamaqhina) iikhilometha ezi-3 ukhawuleza uzigqibe nini? a. Okanye ubungasoze uzizame okanye bekungakuthatha ngaphezu kwama-40 emizuzu.
b.	Uzihambe nganeno kunesiqingatha seyure kodwa nganeno kwama-40 emizuzu. 
c. Uzigqibe msinya singekapheli isiqingatha seyure .
d.	Uzibaleke ngaphantsi kwama-20 emizuzu


107: Hayi akuphilanga qete. lixesha
lokuba usukume ukuze uphile qete xa ukwimeko embi kodwa Iumka. Kungabubulumko ukuya kugqirha ukuze akuxelele umngangatho wokwenza imithambo okulungeleyo. Lumka kuba xa uyenza kakhulu msinya ungazenzakalisa.

asi-8-15: Noko akwenzi mithambo ngokwaneleyo ukuze uphile qete. Unokuzuza kakhulu ukuze uphile qete, khangela le ndlela yobomi uzame ukuba uyiphucule. Lumka ingakumbi xa uthe tyishi kuma-35 eminyaka.

ali-16-23: Noko uphilile kodwa umngangatho wakho wokwenza umthambo ukwibhoda . Unokufumanisa ukuba unawo amandla xa usenza imithambo kodwa qala uye kugqirha wakho akuxilonge xa wakhe wakhathazwa yintliziyo, uxinzelelo oluphezulu Iwegazi okanye zikho iimpawu zokuba nesiyezi.

angama-24-30: Ngenene uyaqonda
ukuba kunjani ukuphila qete nokugcina amandla akho exhomile. Kunandiphe! 
BONA XHOSA - March 2000 77

UAndrew BOTAPELA
Umvelisi wenkqubo kiMetro FM Ukuphuma nokusebenza nzima yindlela esingabafula ngayo igatya eliqulunqa iinkqubo zencoko zeRadio Metro ezinjengoConversations  .
UAndrew , owaqala ukuthanda unomathotholo esakhula, uthi umsebenzi wakhe unzima kakhulu kwaye kusetyenzwa iiyure ezininzi ezingaqingqwanga.
Kodwa ukufukuza okundenza ndibonaikalise ubuchule endinabo kubalulekile, uyancuma. Umsebenzi
Kuquka bonke ubucukubhede bokuvelisa inkqubo, ucacisa atsho UAndrew . Mna nabasasazi sidibanisa amathambo engqondo sivelise iindlela zokusasa ezinokuthandwa ngabaphulaphuli -kwaye ukuze uyenze kakuhle le nto kufanele ubazi abaphulaphuli besitishi . Ngaloo ndlela ungakwazi ukuphucula iinkqubo ezichaphazela abantu nezala maxesha. lzilinda ekufanele ubenazo Ndiyacinga ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuba ndibe ndakhe ndasebenza kwisikhululo sosasazo. Kodwa isidanga seBA in Communications nolwazi wekhompyutha zingakunceda kulo msebenzi.
liyure zokusebenza Ngokuqinisekileyo ayingomsebenzi oqala ngentsimbi yethoba ukuya ngentsimbi yesihlanu lo, utsho UAndrew . Uchitha iiyure ezininzi ucwangcisa ukwadibanisa izinto kwinkqubo esasazwa ngqo kwaye kufanele uyijonge ide iyophela. Ubunzima
Oh, mfethu, ayikho into endicaphukisa njengocela umntu oza kuba sisithethi sembeko, kubenzima ukumfumana - kwaye xa sele umfumene kubenzima ukusebenzisana naye. utsho UAndrew .
UAndrew wongeza ngelithi abantu bazithatha ngendlela ngendlela izikhululo zosasaso.
Umzekelo uninzi lwabezopolitiko abanangxaki xa bebizwe kwaRadio-702 , ucacisa atsho. Mhlawumbi kuba i-702 yaziwa ngokuba sisitishi esineenkqubo zengxoxo ngelixa abantu abaninzi becinga ukuba iMetro FM sisitishi solonwabo. lzinto azithandayo
Ngaphandle kwamahlandinyuka. UAndrew uyazi ukuba umsebenzi wakhe unomvuzo.
Awunathuba kuphela
lokuzibonakalisa isiphiwo sakho, ukwanenyhweba yokudibana
ikubangela wazi ukuba abantu baziphethe njani. limpawu ekufanele ubenazo Ubuchule, umdla wokufunda, ukuzimisela nokuba ngumntu okhululekileyo ziimpawu zomvelisinkqubo, ukholelwa njalo UAndrew .

UHARTLEY NGOATO
UMphathi wezomthetho, kwa-Maxiprest Tyres Ltd SA .
Emncinane enjalo, uHartley , onolwazi ngezomthetho -umnxulumanisi wezomthetho wesebe lweHuman Rights Violation kwi-TRC wayekwangumphathi weMathlame and associates eGoli
-usebenza ngezomthetho ezibandakanya inkampani yakhe namasebe ayo aseSwaziland naseKenya .
Eyona nto ibalulekileyo ndijongene nesebe loluntu noshishino, Ndithabatha inxaxheba kwezomthetho egameni lenkampani njengokusebenza ngezinto eziphakathi kwabasebenzi nabalawuli, ucacisa atsho. lzifundo
nabantu ngabantu abasuka kwiindawo ngeendawo, abenza ubamnandisa ubomi bakho kwaye

